ISIGQEBA: Mnu. M.C. Matyumza (uSihlalo); Dr. Z. Dlayedwa (Sekela Sihlalo); Mnu. X Tshongolo (Sosiba); ; Nks N. P Mbana (Nongxowa)
OFFICE D17
LINGUISTICS DEPARTMENT
UNIVERSITY OF THE WESTERN CAPE
BELLVILLE
7535
TEL: 021-959 2418
FAX: 021 959 1212
EMAIL: ndlayedwa @uwc.ac.za
Postal Address
Private Bag x 17
Bellville
7535
Nksk N Memani, Nkosi Mthikrakra, Nksk T Yawa, Mnu M Mtyaphi
KuMnu Johnny Van Der Westhuizen
KwiPalamente yoMzantsi Afrika
IZIMVO NGOMTHETHO WEELWIMI ZOMZANTSI AFRIKA OSAYILWAYO (B23-2011)
1. Eli qumrhu lingentla liyakukhaba ukuphunyezwa kwalo Mthetho ungentla ngolu hlobo ulilo. UMzantsi Afrika waphumeza iilwimi ezilishumi elinanye (11) zeli lizwe ukuba zisetyenziswe njengeelwimi zaseburhulumenteni, kungumnqa ke ngoku ukuba emva kweminyaka elishumi elinesixhenxe uMzantsi Afrika wakhululekayo uphinde ufune ukubuyela apho wawukho ngaphambi kwenkululeko yawo. Isiphakamiso esenziwa ngulo Mthetho sokuba amasebe karhulumente achonge ubuncinane iilwimi ezimbini (2) kwezilishumi elinanye (11) akukhonto ingenye uyenzayo ngaphezu kokubuyisela inkululeko umva; wohlutha uluntu ilungelo lokufumana iinkonzo ngeelwimi zalo.
2. Eli qumrhu alisithelwanga sisimo sezoqoqosho uMzantsi Afrika ojamele naso, nanjengoko urhulumente iyinto le awalilisela ngayo kwasekuqaleni kokuphakanyiswa kwalo mthetho. Ukusetyenziswa kweelwimi ezilishumi elinanye (11) ngurhulumente kuneendleko zako okunene. Ukuhlangabezana nobu bunzima ke, ezi lwimi zilishumi elinanye (11) zinokohlulwa zibe ngamaqela amathandathu (6): 1. Iilwimi zesiNguni, 2. Iilwimi zesiSotho, 3. isiBhulu, 4. isiNgesi, 5. iTshivenda, 6. iXitsonga. Ngale ndlela iindleko zinokunyamezeleka ngaphandle kokunyhasha ilungelo loluntu lokufumana iinkonzo ngeelwimi zalo.
3. Ukuthi amasebe karhulumente makakhethe ubuncinane iilwimi ezimbini afuna ukusa ngazo iinkonzo eluntwini, njengoko lisitsho iSolotya 4 (2)(b) lalo Mthetho, kubeka engozini iilwimi zabantsundu (isiXhosa, isiZulu, iXitsonga, isiSwati, iSepedi, iSesotho, iSetswana, iTshivenda nesiNdebele) ezithethwa kweli lizwe. Kusekuhleni ukuba uninzi lwamasebe, ngenxa yezoqoqosho, luza kukhetha isiBhulu nesiNgesi njengeelwimi zalo zokusa iinkonzo eluntwini nanjengoko ezo izezona lwimi sele ziphuhliswe ngokwaneleyo kunezinye ezi (iilwimi zabantsundu). Oko ke akukhonto ingenye kuyenzayo ngaphezu kokunyhasha amalungelo olwimi wabathetha iilwimi zabantsundu.
4. UMzantsi Afrika sele uhambele phambili kakhulu ekukhuthazeni ukusetyenziswa kweelwimi ezazifudula zisengelwa phantsi ngelixa lorhulumente wengcinezelo. Isiphakamiso seelwimi ezimbini ubuncinane, njengoko lo Mthetho usitsho, sisengela phantsi yonke loo migudu sele yenziwe ukukhuthaza ukuphuhliswa kweelwimi ezazifudula zisengelwa phantsi nokulwa ukungalingani kweelwimi. Eli lizwe lilizwe elilwimi-ninji, ukuba noMthetho okhuthaza iilwimi ezimbini kutenxe kakhulu kwaye kuyakhabana noMgaqo-siseko weli lizwe okhuthaza unyamezelwano nkalo zonke.
5. Ukuthi amasebe makabe nemigaqo-nkqubo yeelwimi echaza indlela aza kwenza ngayo xa iilwimi zawo
27 kweyeNkanga 2011
ISIGQEBA: Mnu. M.C. Matyumza (uSihlalo); Dr. Z. Dlayedwa (Sekela Sihlalo); Mnu. X Tshongolo (Sosiba); ; Nks N. P Mbana (Nongxowa)Nksk N Memani, Nkosi Mthikrakra, Nksk T Yawa, Mnu M Mtyaphi
ingezizo ezo zoluntu ekujoliswe kulo (iSolotya 4 (2)(d)) akuwakhuseli nakancinci amalungelo eelwimi wabo bantu. Ilungelo likhuselwa ngoMthetho; kungekho Mthetho ke akubikho tyala. Uza kumangala ngeliphi ke lowo ulwimi lwakhe luthe alathathelwa ngqalelo xa kungekho Mthetho umkhuselayo?
6. Ngako oko, eli qumrhu linqwenela ukuvakalisa izimvo zalo ngolu hlobo lulandelayo:
a. ICandelo 4 (2)(b) malifakele isolotya okanye umhlathi okanye isivakalisi esithi, “kwezo lwimi zimbini elinye lazo mayibe lulwimi olwalufudula lusengelwa phantsi”; okanye
b. ICandelo 4 (2)(b) maliguqulwe linyanzelise amasebe ukuba akhethe iilwimi ezintandathu (6) ubuncinane ngokwamaqela achazwe kumhlathi wesibini (2) wale mbalelwano.
Ozithobileyo
Mnu X Tshongolo
USosiba